03.05.2013 Views

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

SHOW MORE
SHOW LESS

You also want an ePaper? Increase the reach of your titles

YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.

3. Ukuphucula umgangtho wemfundo:

Imibandela yokufundisa eklasini, ulawulo nenkxaso, uphuhliso nokusebenza kootitshala, kunye neephakheji ezichanekileyo

zekharityhulam. Isebe leMfundo kuNdlunkulu nalo lisibonile esi sidingo.

Iinjongo eziphambili zesebe kwisithuba sama-2007/08 – 2009/10 zibandakanya -

• Inkxaso engagungqiyo kwilitherasi nenyumerasi kwizikolo zamabanga aphantsi ngo-

• Kuvavanya bonke abafundi beBanga 6 kunyaka ka-2007 kwizibalo nolwimi;

• Uqeqesho oluqhubekayo lootitshala;

• Inkxaso engagungqiyo; kunye

• Nosasazo oluqhubekayo lwabancedisi bootitshala abangama-510 ukuba bancedise kwisiGaba esisiSeko kwizikolo

zaseprayimari ezitsala nzima kakhulu.

• Umiliselo lwenkqubo ye-QiDS-UP ejoliswe kakhulu kwizikolo zaseprayimari ezitsala nzima kakhulu ngokwesicwangciso

1 sesizwe sika-2007/08 ukuqinisekisa ukuba ezo zikolo zifumana imithombo yoncedo engundoqo kwezolwakhiwo,

ukufunda nokufundisa, ezoluntu nezemali ukuze umgangatho wokufunda nokufundisa ube yimpumelelo.

• Ukwandiswa kwakhona kweBanga R ukuya kuthi ga kubafundi abangama-6000 kumaziko amatsha amalunga nama-

200, kubandakanya ukwabiwa kwenkxaso-mali enyukileyo ngokwefomyula ekuvunyelwene ngayo kumaziko akuluntu

oluhluphekayo nasemaphandleni, nokunikezelwa kweekiti ezintsha zokufundisa nokufunda ezincedisa abafundi

ukumelana nekarityhulam yesizwe, unikezelo loqeqesho lootitshala abangama-900 abaqeqeshelwe ukufundisa abo

basaqalayo (i-ECD) kunye nophuhliso lwesicwangciso esihlangeneyo semfundo yabasaqalayo kunye namanye

amasebe elophuhliso loluntu, elempilo nelikarhulumente wasemakhaya.

• Umiliselo oluqhubekayo lwe-NCS, ingakumbi kwisigaba se-FET kunye nabonyaka oshiyekileyo kwizinga lemfundo

noqeqesho gabalala, kunye namalungiselelo omiliselo lwe-NCS kwiBanga 12 kunyaka wama-2008.

• Umiliselo lwesiTratheji soNcediso lwabaFundi (i-LAS) ngokomyalelo woMphathiswa (wesizwe) wezeMfundo kunye

neNkulumbuso, nokunciphisa inani lezikolo ezenze ngaphantsi kwama-60% kwiimviwo zeBanga leMatrikhi.

• Uphuhliso loqeqesho lweenqununu kwezomsebenzi ezingama-660 kunye nootitshala (uphuhliso olukhawuleziswayo

lootitshala (i-ACE) kunye neDiploma yoQeqesho yeSizwe kwezeMfundo (i-NPDE) apho iinqununu ezili-160 zithe

zabhalisela unyaka wokuqala kwiminyaka emibini ye-ACE kunye nama-500 ootitshala ababhalisele ezinye iikhosi.

• Ukusatyalaliswa kweelabhoretri zekhompyutha kwizikolo ezingama-200 njengenxalenye yeProjekthi kaKhanya

yezobuChwepheshe kwezeMfundo.

Amanyathelo okusebenza aza kusetyenziswa:

►PM001: Ipesenti yabafundi aba kwiminyaka ekunyanzelekileyo kuyo ukuba sesikolweni oluhamba isikolo.

►PM002: pesenti yolutsha oludlulileyo kwiminyaka ekunyanzelekileyo kuyo ukuba sesikolweni oluhamba isikolo namanye

amaziko emfundo

►PM004: Iminyaka yegalelo ngomfundi ngamne oyigqibileyo imfundo ye-FETC.

►PM005: Umyinge welona nqanaba lifikelelweyo esikolweni ngabantu abadala.

►PM006: Amazinga okufunda kwabantu abadala.

►PM212: Umlinganiselo wokwenziwa komsebenzi kwizikolo ezihluphekileyo xa kuthelekiswa nezingahluphekanga

kwaGrade 3.

►PM213: Amazinga okuphindwa kwamabanga kwaGrades 1ukuya ku-7.

►PM214: Ipesenti yabafundi bakwaGrade 3 abafumana iziphumo ezamkelekileyo ekuba-leni nasekufundeni.

►PM215: Ipesenti yabafundi bakwaGrade 6 abafumana iziphumo ezamkelekileyo kwimathematika, ekufundeni

nakwezenzulul-wazi.

►PM217: Umlinganiselo wokwenziwa komsebenzi kwizikolo ezihluphekileyo xa kuthelekiswa nezingahluphekanga

ngokwamazinga empumelelo kwaGrade 12.

►PM218: Amazinga okuphindwa kwamabanga kwaGrades 8 ukuya ku-12.

►PM219: Umlinganiselo wempumelelo kwiimviwo zakwaGrade 12.

►PM221: Ipesenti yabafundi bakwaGrade 9 abafumana iziphumo ezamkelekileyo kuzo zonke izifundo.

►PM301: Ipesenti yezikolo ezizimeleyo ezinikwa inkxaso eziye zatyelelwa ngeenjongo zokuzibeka iliso.

►PM701: Ipesenti yabafundi kwaGrade R oxhaswa ngurhulumente

►PPM806: Ipesenti yezikolo zeFET apho kukho ubuncinane ikhompyutha njengenxalenye yeKhanya Technology in

Education Project.

4. Ukwandisa izakhono nesiseko sezithwaselo zemfundo ngokuxhasa iStratheji soPhuhliso soQoqosho

oluPhakathi (i-MEDS):

Ngaphandle kokwandisa inani labafundi abafumana iziqinisekiso kwimatrikhi zokubangenisa kumaziko emfundo

ephakamileyo (ngolo hlobo kukhuthazwa ukwanda kwamanani abafundi abaza kukwazi ukufunda kwicandelo lamaziko

aphakamileyo), isebe lemfundo kufuneka lenze konke okusemandleni ukuxhobisa abantu abasakhulayo ukuba bafumane

izakhono zobungcibi nezobugcisa kumaziko ohlukeneyo anjengezikolo zezakhono, amaziko emfundo yabadala oqeqesho

nemfundo (i-ABET), iikholeji ze-FET neeYunivesithi zeTeknoloji. Oko kuthetha ukuba abaqeshi kufuneka basebenzisa

ingcombolo yolwazi ephuma kuphando lwe-MEDS ukuqulunqa izicwangciso zabo zophuhliso lwemithombo yoluntu kunye

Isicwangciso Esiliqili Sokwenziwa Komsebenzi Sonyaka 2007/08-2009/10

4

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!