Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury
Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury
Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury
You also want an ePaper? Increase the reach of your titles
YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.
3.5 Ezinye iinkalo zojoliso – izicwangciso-qhinga ezindindeneyo

a) Isindululo songqamaniso lwesakhiwo sesebe le-WCED ngokweemfuno zokusebenza kwi-HCDS sele siphunyeziwe

ngokusesikweni yiKhabhinethi.

b) Kulandelwa imiqathango yemisebenzi yemithombo yoluntu embaxa, kuphunyezwe ngokusesikweni itshatha yohanjiso

lwenkonzo liQoqo eliPhezulu loLawulo, ekhatshwa sisicwangciso soshishino seNkqubo yoPhuculo loHanjiso

lweenkonzo, sele ingeniswe nakwiNtloko: yeSebe ukuba liyiphumeze ngokusesikweni. Kulindeleke ukuba umiliselo

lwale nkqubo luqale ngo-2007 ngokwenkqubo eza kulandelwa apho isetyana ngalinye ne-EMDC nganye iza kuchonga

imigangatho yayo yohanjiso lweenkonzo.

c) Inkxaso-mali ekhoyo evela kwisiCwangciso-Qhinga seZakhono eMsebenzi sika-2006/07 yabelwe onke amasetyena

kunye neziThili ukuze zikwazi ukulawula ezi nkqubo emsebenzini. I-WSP ka-2007/2008 iza kuphuhliswa ekuqaleni

konyaka wama-2007, ukwenzela ukuba inkxaso-mali yabiwe kwangoko kunokuba bekunjalo kulo nyaka.

d) Isicwangciso-qhinga sobonelelo lootitshala siza kuvathwa kwandlunkulu, kwaye iBhunga labaPhathiswa beMfundo

lindulule ukuba kubekho idrafti yesivumelwano apho kuza kufunwa izimvo kumaphondo onke ngokunxulumene

nombandela wokulawulwa kwezikolo ezisemaphandleni kule nkqubo. I-WCED sele ilenzile elayo igalelo kule nkqubo.

e) Nangona ikhona ingcombolo yolwazi ephuma kuphicotho lwezakhono/noxhotyiso lwezithwaselo zemfundo

zootitshala oluqhubekayo sithetha nje, aluphelelanga kwaye kucetywa ukuba ngo-2007, uphuculo lwenkqubo ye-

PERSAL luthathelwe ingqalelo eyodwa njengesixhobo sokuqokelela le ngcombolo yolwazi ibaluleka kangaka.

f) ISetyana: loQinisekiso lwemiGangatho lidrafte isakhelo sokubeka esweni nokuvandlakanya se-HCDS, kwaye sele

liqhube noqeqesho kunye nabaphathi beprojekthi ekubekeni esweni nasekuvandlakanyeni i-HCDS kwaye sele ligqibe

nokugqithisa ingxelo yalo yobume bemeko ye-HCDS ngoNovemba. Ukongeza, lidlale indima enkulu nebonakalayo

kuyilo lwesicwangciso esihlangeneyo solawulo nokusebenza se-HCDS.

A.4 Indlela Eya Phambili

A.4.1 Iinkonzo Zezikolo Zompeleso (Pre-school Services)

1. Ezaphambi koGrade R

Kungoku nje i-ECD iyaqhutywa yi-WCED, naliSebe lezeMpilo nelezeeNkonzo zoLuntu noNciphiso lweNtlupheko,

nangoomasipala kumaziko ngamaziko ahlukeneyo. Kuqulunqwe isicwangciso esiliqili esimanyanisiweyo sokunikwa

kwenkonzo.

I-WCED incedisa kuqeqesho lwabalondolozi nakuqulunqo lwekharityhulam efanelekileyo. Ukunika inkxaso kwi-EPWP

nokuqinisekisa ngemfundo esemgangathweni kubafundi abangeminyaka eli-4½ ubudala, i-WCED iququzelela uQeqesho

lwabalondolozi/nootitshala abaza kuluzuza kumaZiko afanelekileyo oQeqesho.

2. Amaziko kaGrade R asekuhlaleni

INkcazo eHlaziyiweyo yeKharityhulam yeSizwe (National Curriculum Statement) ibandakanya unyaka omnye ophambi

kokungena kuGrade 1. Esi ke isigaba sesakwaGrade R, esijoliswe ekuboneleleni abantwana abaneminyaka 5/6 ubudala

ngolwazi lokubala nokufunda kwakunye nangezakhono zokuziphilisa khona ukuze bakwazi ukumelana nesikolo.

Nangona uGrade R engathathwa njengemfundo enyanzelekileyo, uyinxenye yeSigaba seSiseko seNkcazo yeKharityhulam

yeSizwe. I-WCED ineenjongo zokwenza ukuba bonke abantwana abakwiminyaka 5/6 apha eNtshona Koloni bakwazi

ukufikelela kuGrade R ngo-2010.

Ukuze ke ezi njongo zikwazi ukufezekiseka, iSebe eli liza kubonelela ngemali ekwaneleyo ukuba ingaxhasa abanye abafundi

bakaGrade R abangama-2000 ngonyaka ukuqalela ku-2007, lichithe ama-R2 400 ngomntwana ngamnye kumaziko emfundo

yabantwana yasekuqaleni asekuhlaleni nazimeleyo Malunga ne-33% yabantwana abakubudala obufanele uGrade R baya

kuthathwa kula maziko.

Ukuqeqeshwa kootitshala ukufikelela kwizinga eliza kuqinisekisa imfundo esemgangathweni kuza kwenziwa kusetyenziswa

iModeli yoQeqesho. Amalungu e-SGB aza kuqeqeshwa kwizakhono zobuNkokheli noLawulo.

A.4.2 Izikolo

1. IBanga R ezikolweni

Ukuze lufezekiseke ufikelelo lukaGrade R lwabantwana bonke ngo-2010 i-WCED iza kubonelela ngemali eyanele abanye

abafundi bakaGrade R abangama-4 000 ngonyaka ukuqalela ngo-2007 lichithe ama-R2 400 ngomntwana ngamnye

kwizikolo zikarhulumente. Malunga ne-66% yabantwana abakubudala obufanele uGrade R baya kuthathwa kula magumbi

okufundela.

Ukuqeqeshwa kootitshala ukufikelela kwizinga eliza kuqinisekisa imfundo esemgangathweni kuza kwenziwa kusetyenziswa

iModeli yoQeqesho.

Isicwangciso Esiliqili Sokwenziwa Komsebenzi Sonyaka 2007/08-2009/10

16