03.05.2013 Views

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

c) Inkqubo yeziKolo eziHlawulisi mali sele imiliselwe kulo nyaka. Ngama-424 ezikolo amenyelwe ukuba afake izicelo

zokuba abe zizikolo ezingahlawulisi mali, Kwaye ngama-419 ezizikolo asele efake izicelo, nto leyo ekhokelele ukuba

imhemhe yokuhlawulwa kweendleko zokufunda ibe malunga nama-150 000 abafundi (15, 1%) ngomhla woku-1 kuMeyi

2006. Isabelo sama-R29 ezigidi sanikezelwa ngonyaka wama-2006/07 kwaye oku kuza kunyuswa ngama-R139 ezigidi

kunyaka-mali wama-2007/08 kuze ibe ngama-R237 ezigidi kunyaka wama-2008/09. Elixa ulwabiwo ngokwentloko luza

kwanda ukusuka kwisabelo esikhoyo ngoku sama-R527 ngomfundi ngamnye ukuya kuma-R554 ngo-2007 kwaye luza

kuba phakathi kwama-R722 ukuya kuma-R581 ngo-2008 kodwa koxhomekeka kwizinga lendlala lezikolo eziwela kulo.

Ezinye izikolo zama-233 (eprayimari nasesekondari) nazo zanikwa iqhuzu lokuba zingahlawulisi mali ukusukela

ngomhla woku-1 kuJanuwari 2007.

d) Ukunyuka okuqhubekayo kwenani lezithuba zokutitsha (ezingama-500 ezongeziweyo ku-2007), kwaye ukuguqulwa

kwezithuba zokutitsha zethutyana ezingama-458 zibe zesisigxina kuza kuba negalelo elikhulu ekuphuculeni ireshiyo

katitshala nomfundi, kwaye oko kubaluleke kakhulu kuziso lwenkonzo yemfundo esemgangathweni. Ekuqaleni konyaka

wama-2007, kuza kubakho izithuba zokutitsha ezingama-30 872. Ukongeza, ootitshala abangama-50

bemathematika/inzululwazi batyunjelwe ukuba bafundise kwiZikolo zeDinaledi (ukongeza kwinani esele likhona

lemisebenzi), ngama-21 ootitshala abongezelelweyo abachongelwe kwiZikolo zoJoliso ezahlukeneyo ukuncedisana

nophuhliso lwengqiqo yeZikolo zoPhuhliso, kwaye ngama-70 izithuba zemisebenzi abelwe izithili ezisi-7 kulungiselelwa

uluhlu lwamangenelelo ophuhliso kwizikolo ezihluphekayo, kubandakanya uphuculo lwendlela yokusebenza kwizikolo

zasesekondari eziqhube kakubi ezingama-34. Iprojekthi yabancedisi bootitshala ibe luncedo kuba ngama-510

abancedisi bootitshala abachongiweyo kwizikolo ezingama-163. Aba bancedisi bootitshala bafumana uqeqesho

kwiikholeji zeFET.

e) Abasebenzi abazinikeleyo abanika inkxaso abakwizithili (ii-EMDC) baza kuqhubeka nokunika inkxaso kwisicwangcisoqhinga

sokufunda nokubala esasungulwa ngo-2006 emva kothethathethwano kunye nabo bonke abaththi-nxaxheba

bakwandlunkulu wephondo ne-EMDC. Njengenxalenye yephulo lokusatyalaliswa kwenkqubo yokufunda nokubala

kwiphondo, wonke umfundi okwiBanga 1 ukuya kwele-6 unesethi yeencwadi ezingama-100 zokufunda, ukuze bonke

abafundi abakumaBanga 3 nele-6 babe nencwadi yemathematika. Ubekosweni lwendlela ekufundiswa ngayo eklasini

lwasungulwa kodwa ngenxa yemingeni eyavakaliswa yimibutho yootitshala lwarhoxiswa de kugqitywe ukubhala

kweeprotokholi yokutyelela eklasini. Njengenxalenye yesi sicwangciso-qhinga, umgaqo-nkqubo wokusetyenziswa

kolwimi kwimfundo okhuthaza ukusetyenziswa kolwimi lwasekhaya kwimfundo iminyaka emithathu yokuqala yokufunda

waphuhliswa wathunyelwa kwizikolo ngo-2006 kwaye ukhe wavandlakanywa kanobom kwiNkomfa yoLwimi kwiMfundo

ebibanjwe ngoJulayi 2006.

f) Amalungiselelo omiliselo oluqhubekayo lweKharityhulam entsha yeFET aqhuba kakuhle kakhulu. Nangona iziphumo

zeBanga 10 zaphakathi enyakeni bezidala inkxalabo enkulu, kodwa kuye kwamiliselwa iinkqubo zenkxaso ezimbaxa

ezikolweni ukuzincedisa ukuba ziphucule ezi ziphumo. Iingxelo zexeshana alunga nezinga lokupasa ekupheleni

konyaka zidandalazisa izinga lokupasa elingama-74%, isiThili saseSouth Cape/Karoo siso esibonakalise ukuphucuka

kweziphumo zaso kuneminyaka edlulileyo. Uqeqesho olongeziweyo lootitshala beBanga 11 beFET abangama-9872

luqhutywe ngoJuni, kodwa iiseshoni zoqeqesho bezindana kwizifundo ezitsha, kubandakanya ezolimo, ezomdaniso,

iteknoloji (kubandakanya i-CAT ne-IT).

g) I-WCED inkqenkqeza phambili kusetyenziso lweeteknoloji ze-ICT ezikolweni, kwaye iqhubela phambili noko.

Iprojekthi kaKhanya incede izikolo ezingama-575 kusetyenziso lweteknoloji ye-ICT, kukho nezikolo ezongezelelweyo

ezingama-276 ngokwezigaba ezahlukeneyo zamalungiselelo. Ziikhompyutha ezingama-22 271 ezisetyenziswayo

kwizikolo zikaKhanya, kwaye iteknoloji isetyenziswa ngokuchanekileyo ngootitshala abangama-14 993 kuhanjiso

lwekharityhulam nokuyenza ifikeleleke kubafundi abangama-496207. Iprojekthi kaKhanya inendumasi yokuba

ngumsunguli kwiteknoloji ye-ICT esetyenziswa ezikolweni. Ukukhula kwiinkalo zonxibelelwano nge-broadband

ezikolweni kunye nosatyalaliso oluqhutywayo lwezibonelelo zoncedo zangaphakathi ze-ICT ezikolweni luza kwenziwa

kusetyenziswa i-CEMIS, uKhanya neProjekthi yoNxibelelwano ngeeNtambo zefowuni (i-TK). Iprojekthi kaKhanya

iphumelele enye iMbasa yeGolide yemfezeko evela kwiMpumelelo Innovations Award Trust. Le Trust inikezela

ngeembasa kwiiprojekthi ezinkqenkqeza phambili kwaye ibandakanya ubambiswano kunye norhulumente ekuphuculeni

umgangatho wobomi woluntu oluhluphekayo ngeendlela ezakhayo. Okukrolwe kule mbasa kufundeka ngolu hlobo:

“Isicwangciso esimbaxa nesindindeneyo esingamava ngemfundo eqhubeka eziklasini kwiNtshona Koloni iphela siso

esidala ukuba kwenziwe ufakelo lweekhompyutha eziklasini ezikolweni kule minyaka mihlanu idlulileyo. Iikhompyutha

azifakelwa zibe ngomthi uzimele nje; ootitshala bazuza uqeqesho, izikolo zona zifumana unxibelelwano

olukhawulezileyo nge-intanethi kwaye izikolo ziyakhuthazwa ukuba zibe nesicwangciso ‘sobambiswano’ kwiprojekthi

ngokubonakalisa ubuncinane ukuzinikela kule projekthi. Inkxaso enikwa luluntu olungqonge isikolo ikhokelele

ekuncipheni kwezenzo zobusela, kuba uluntu luziva luyinxalenye yezikolo.” IMbasa yeGolide yeMpumelelo yeye-11

ukunikezelwa kwiprojekthi kaKhanya kule minyaka mibini idlulileyo.

h) Ukusungulwa kweNCS kumaBanga 10 ukuya ku-12 kuqalwe kwiBanga 10 ngo-2006, kwaye kuhambe kakuhle kakhulu.

Uluhlu olubanzi lwemisebenzi yamalungiselelo lubandakanya inkomfa ebe yimpumelelo yeenqununu zezikolo kunye

nabanye abaphathi bezikolo. Ootitshala nabo baxhamla kanobom kuqhelaniso nekharityhulam entsha yesizwe

ehlaziyiweyo yamaBanga R ukuya ku-9. Usatyalaliso oluqhubekayo lweNCS kumaBanga 7-9 nalo lunikwe inkxaso

ngokubanjwa kweeseshoni zoqhelaniso lootitshala zeentsuku ezintlanu. Ngo-2006, ama-2800 ootitshala bamaBanga 8

ukuya ku-9 bangenela ezi seshoni. Ii-CTA zeBanga 9 nazo zathunyelwa ezikolweni. Nalo unikezelo ngeencwadi

zokufundisa kumaBanga 8 ukuya ku-9 ezikolweni ezihluphekayo luyaqhubeka ngeprojekthi yeNkxaso.

Isicwangciso Esiliqili Sokwenziwa Komsebenzi Sonyaka 2007/08-2009/10

14

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!