03.05.2013 Views

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

• I-WCED inale milinganiselo ilandelayo esendaweni ukuhlaziya rhoqo isixokelelwano sabaPhathi boCwangciso-mali

(WCED Accounting Officers System) ukuyimanyanisa nemiThetho yeNdyebo yeSizwe (National Treasury Regulations)

nemiYalelo yeNdyebo yePhondo ( Provincial Treasury Instructions) ukuqinisekisa inkxaso kwiSebe.

• Isixokelelwano sabaPhathi boCwangciso-mali e-WCED (WCED Accounting Officers System) siyahlaziywa rhoqo xa iimeko

ziyalela imfuneko yokuba kujongwe kwakhona ezi zibonelelo. Oku kwenzeka kakhulu xa imigaqo ngokwendlela yemiYalelo

yeNdyebo okanye ingqalelo yoLawulo lwesiXokelelwano esiliKhonkco zikhutshwa yiNdyebo yeSizwe nePhondo.

• Ukuphengululwa kwisiXokelelwano sabaPhathi boCwangciso-mali siyangeniswa kwiSebe leKomiti yemiYalelo ukuba

income phambi kokuba idluliselwe kubaPhathi boCwangciso-mali ukuba samkelwe.

• AmaGosa kaRhulumente oLawulo lwesiXokelelwano seKhonkco nabaPhathi abaKhulu bayaziswa ngolu phengululo

ukuqinisekisa ukuvunyelwa kommiselo.

• Ingxelo yophicotho –zimali

Kunyaka-mali ka-2005/06 uPhicotho Jikelele lweeNcwadi zemali ( Auditor-General) khange lucacise uluvo kumaxwebhu email

ngenxa yeemeko ezithile. Bekukho nezinye iimeko eziye zachongwa yi-AG enkqubeni yokuphocothwa kweencwadi , nangona,

ezi zidweliswe apha ngezantsi izezona zibalulekileyo njengoko i-AG ifumanise ukuba olu hlobo luye lwaba nentsingiselo

eyaneleyo ukucacisa uluvo ( Iphepha elilandulayo)

• Imbuyekezo kubasebenzi

• Isiqinisekiso sezindlu zikaRhulumente

• Ukumisa ukuchaneka kwemali eyinkcitho yesebe

• Ukuxhasa ukungqinela ngamaxwebhu ii-akhawunti ezithandabuzisayo

Ukwabela ngeziphumo zeNgxelo yoPhicotho-zincwadi zemali nokuzama kabukhali ukuphucula zonke iinjongo zeemfanelo

zolawulo lwezemali nocwangciso ukusuka kumgangatho wesi-4 wolungiselelo lophicotho zincwadi, isebe li-

• misele iKomiti yokuJonga ukuPhicothwa kweeNcwadi zeMali

• lungise iziVumelwano zokuSebenza zabaPhathi beNkqubo

• thathe intshukumo eyodwa kwiindaba ezifanelekileyo, ezigxininisa kwimicimbi nexabiso lemali ephicothwayo.

Ukulungiselela uphicotho luka-2006/07, isebe libe neengxoxo noMphicothi ziNcwadi Jikelele wePhondo noweNdyebo yePhondo

kwiindawo eziyingxaki eziphuma kwiNgxelo yoPhicotho ziNcwadi zemali zika-2005/06.

Uhlalutyo lwemiqobo namanyathelo acetywayo ukuzoyisa

Ukumanyaniswa okusungulweyo kwamanyathelo ahlukeneyo oqinisekiso lomgangatho noxanduva lokuphendula kungumngeni

omkhulu ejongene nawo i-WCED. Kubalulekile ukuqinisekisa ukuba la manyathelo akhokelela kuphuculo lokufundisa nokufunda,

kwaye nokuba nawo akabonwa njengemfezeko yeenjongo.

I-WCED ifanele ukwenza uthotho lwemisebenzi yokubeka iliso, ukuvavanya nokuthatha uxanduva lokuphendula. Le misebenzi

ibandakanya le ilandelayo:

• Uvandlakanywa kweenkqubo zolawulo lwemali qho ngonyaka olwenziwa yi-ofisi yoMphicothi-zincwadi-Jikelele. Isebe kufuneka

liphucule uhlobo lolawulo lwemali ukuqinisekisa ingxelo yophicotho zincwadi engalunganga;

• Ukuya kuvela kwingxoxo rhoqo phambi kweKomiti yemicimbi yemfundo (Education Portfolio Committee) neKomiti eMileyo

yeeNkcitho zikaRhulumente (Standing Committee on Public Accounts) kwiPalamente yePhondo;

• Ukudibana koMphathiswa neNtsumpa-Jikelele ngamaxesha athile (okanye imijikelo) namaqela ngamaqela achaphazelekayo

kwezemfundo ngeenjongo zokuphefumelelana ngeenkcukacha ezintsha malunga nokuqhubekayo kwezemfundo, okanye

ezokuya kuva nje malunga neengxaki ezifunyanwa ngootitshala nabalawuli bezikolo;

• I-WCED sele iphantsi koxanduva lokungenisa ingxelo yayo yonyaka yezinto ezenzileyo kwiQumrhu lowiso-mthetho. Uxwebhu

lweNgxelo yoNyaka luyafunyanwa luluntu ngokubanzi, kwaye linika abo bachaphazelekayo kwezemfundo ithuba lokuba babeke

iliso kwimpumelelo okanye ekusileleni kwesebe eli, xa kuthelekiswa nogunyaziso olulunikiweyo nemigaqo-nkqubo

nezicwangciso zesicwangciso-nkqubo; kunye

• nokubekwa iliso rhoqo nokuvavanywa komsebenzi woQinisekiso loMgangatho ukuba uyasebenza na apha kwisebe eli.

Amanyathelo aqhutywa okoko ngokuphathelele kuqeqesho lwamalungu amaqela olawulo lwezikolo abandakanya ulawulo

lwekharityhulam, ukukhuthaza izimo zabafundi ezakhayo, amabhinqa kwizikhundla zobunkokeli, ulawulo lomgaqo-nkqubo,

ubandakanyo lwemfundo, ulawulo lweHIV/AIDS neminye imiceli-mngeni yophuhliso lwezengqondo nentalo, izilungiso ezisandula

ukwenziwa kwimithetho nezigqibo ezityikityiweyo

Isicwangciso Esiliqili Sokwenziwa Komsebenzi Sonyaka 2007/08-2009/10

30

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!