03.05.2013 Views

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

7. Ubeko esweni novandlakanyo

I-WCED iza kuthi gqolo ukuqinisa zonke iinkqubo nezixhobo ezijoliswe kanye kuphuculo lomgangatho wemfundo kwiphondo

jikelele. NgeSetyana: loQinisekiso loMgangatho, i-WCED ithi inxibelelanise kwaye ihlanganise zonke iinkuqbo ezikhoyo

zokunika ingxelo, kwaye ithe yamilisela nezo bezifudula zingekho. Ukumelana nemfuno karhulumente eyandayo yokuba

kufuneka kugxilwe kwiziphumo nefuthe, iinkqubo zobeko sweni novandlakanyo zisungulwe kuwo onke amanqanaba esebe.

Oku kuquka iiprojekthi namangenelelo obeko sweni novandlakanyo eziphuculweyo – ukuvavanya ncakasana ifuthe nexabiso

lazo. IiNkqubo zoVandlakanyo loMsebenzi (kwisigaba somntu ngamnye) ziyaqiniswa ngokusetyeniswa kakhulu

kwemigangatho kunye nezicwangciso zomsebenzi. Ungqinelwano phakathi kwezicwangciso zomntu ngamnye kunye

neenjongo zesicwangciso gabalala nazo zibazelwe iliso elibanzi. Isikolo ngasinye kulindeleke ukuba siphuhlise

isiCwangciso soPhuculo lweSikolo (i-SIP).

Ubeko sweni novandlakanyo, olugxininise kubungqina, iziphumo nefuthe luza kuqulunqwa luqiniswe kwiminyaka emithathu

ezayo.

Kunyaka wama-2006 uVandlakanyo lweSikolo Sonke (i-WSE) luthe lwaneziphumo ezincomekayo kuzo zonke izikolo ezithe

zavandlakanywa. Kunyaka ngamnye olandelayo inkqubo ye-WSE iza kwandiswa ukuze ifikelele kuzo zonke izikolo

ngexeshana nje elingephi.

Ubeko sweni novandlakanyo lwesebe, kubandakanya ungqinisiso lwengcombolo yolwazi, luza kuvavanya ifuthe

lamangenelelo enziweyo.

A.3 Iinkalo Ezifikelelweyo Ukuza Kuthi ga Ngoku

1. Iphulo lokwazisa nge-HCDS

Ukusukela kuphunyezo ngokusesikweni kwe-HCDS ngoNovemba 2005, kunye nokusungulwa kwayo ngoMatshi 2006, iikopi

zoxwebhu zaprintwa zandula ukunikezelwa kumasetyana ohlukeneyo esebe kunye nabanye abathathi-nxaxheba, ingakumbi

izikolo kunye nabaxhasi kwezophuhliso abecandelo labucala. Imathiriyeli eyongezelelweyo yokwazisa yezikolo sele

ithunyelwe, iphamflethi ekhuthaza umiliselo lwe-arhente yoluntu ezikolweni. Konke oku kwathunyelwa kuzo zonke izikolo

zilungiselelwe utitshala kunye nomsebenzi ngamnye ongengotitshala zibhalwe ngeelwimi zontathu.

2. UPhuhliso, uCikizo noNgqamaniso lwe-HCDS

Uphuhliso lothotho lwamaphepha obume namaxwebhu engxoxo (angama-27 ewonke) aza kuba sisikhokelo kuphuhliso

oluqhubekayo lwe-HCDS kwiphondo lufikelele kwizigaba zokugqibela. Ezona zindululo ziphambili ngokwala maphepha iza

kuba yimfuneko yokuhlaziya ngokutsha iinjongo eziliqili ngokungqamene ne-PGDS ukuqinisekisa ukuba iimfuno zophuhliso

lwezakhono ngundoqo ngokwexeshana elifutshane ukuba kweliphakathi kusetyenziswa icandelo leFET, nokuqinisekisa

ukuba izibonisi ezingundoqo zemfundo esemgangathweni ziyadakancwa zize zibe ngumbandela ophambili, nokuba isiseko

sokufunda se-ECD sinikwe ingqwalasela eyodwa ngenxa yokubaluleka kwendima yaso ekunikezeleni ngesiseko semfundo.

Uxwebhu oluyidrafti lwesicwangciso-qhinga sezakhono ezinqongopheleyo sele luphuhlisiwe ngokuhambelana

nezicwangciso-qhinga zesizukulwana sesibini. Zonke izimvo zoluntu malunga ne-PGDS sele zingenisiwe kwiSebe

leNkulumbuso, kwaye neqela leprojekthi leyo liza kuqhubeka nokumilisela laa maxwebhu engxoxo kwi-PGDS njengesiseko

sokukhula nophuhliso kwiphondo.

Umsebenzi osingethweyo ngoku sithethayo ngowesicwangciso solawulo oluhlangeneyo kunye nesakhelo sokusebenza se-

HCDS, kwaye uza kumiliselwa kwimingxilo ephambili emine kunye neenkalo eziphambili zongenelelo ngokwemiqathango ye-

PGDS, ASGI-SA, nesicwangciso-qhinga sikazwelonke seSebe leMfundo, iiNjongo zeMfundo yethu Sonke neeNjongo

zoPhuhliso zeMileniyam. Ngokwesi sakhelo, izindululo zeenkqubo ezihlanganisiweyo zesicwangciso, unikezelo-ngxelo

ngomgama osele uhanjiwe kunye nocikizeko oluqhubekayo lweenjongo kunye nezicwangciso zokusebenza zeOfisi

yePhondo enguNdlunkulu kunye neziThili ziza kuqwalaselwa.

3. Umiliselo lwe-HCDS

I-HCDS sele inethuba ikwimo yomiliselo kwezi nyanga zingama-36 ubuncinane. Phakathi kwezinto ezikhoyo

kungakhankanywa oku kulandelayo.

3.1 Iimeko zeMfundo kwiPhondo gabalala

a) Iiplani zokwakha zezikolo zojoliso ezili-12 sele ziphunyezwe ngokusesikweni, kwaye ezisibhozo izikolo sele

zisakhiwa ngoku sithethayo. Amaseko ezibonelelo zangaphakathi, uphuculo nohlaziyo lwazo zonke izikolo zojoliso sele

lusungulwe.

Isicwangciso Esiliqili Sokwenziwa Komsebenzi Sonyaka 2007/08-2009/10

12

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!