03.05.2013 Views

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

ISIHLOMELO A: IZINGQINISO ZOKWENZIWA KOMSEBENZI

Esi songezelelo sidwelisa amanyathelo omsebenzi engundoqo engama-39 (PMs) neyamkelwa sisizwe. Kumgangatho ngamnye

womsebenzi, inani, inkcazelo emfutshane nende ichaziwe.

►PM001: Ipesenti yabantwana abakwiminyaka ekunyanzelekileyo ukuba bafunde abasafundayo

Le yipesenti yabantwana abaneminyaka yobudala ekunyanzelekileyo kuyo ukuba sesikolweni abayayo esikolweni okanye kumaziko

emfundo. Esi Singqinisiso Sokwenziwa Komsebenzi sibonakalisa ukuba afezekiswa kakuhle kangakanani na amalungelo

abantwana, njengoko echazwa kuMgaqo-siseko, nokuba zilandelwa kangakanani na izikhokelo zoMthetho oyiSouth African Scools

Act.

►PM002: Ipesenti yolutsha olungaphaya kweminyaka yobudala ekunyanzelekileyo ukuba ukuba bafunde abasafunda

nabakwamanye amaziko emfundo

Esi siyafana no-PM001, ngaphandle nje kokuba esi sona sibhekisele kubantwana abadalana. Le yipesenti yabantu beli phondo

abaneminyaka eli-15 ukuya kweli-17 abahamba nasiphi na isikolttending okanye amanye amaziko emfundo okanye amanye

amaziko emfundo. Sibonakalisa ukuba urhulumente nesizwe ngokubanzi baphumelela kangakanani na ukubonelela izikolo

ngemfundo engentla kweyamanqanaba asekuqaleni. Nangona uMgaqo-siseko imfundo kule ntanga ungayenzi ilungelo eliphambili,

uyamnyanzela urhulumente ukuba enze ngezigaba ukuba imfundo engentla ifumaneke, ifikelelwe lulutsha lwethu.

►PM003: Inkcitho-mali karhulumente kwabona bafundi bahluphekileyo ngepesenti yenkcitho yezikolo kwabona bafundi

abangahluphekanga

Le yinkcitho karhulumente kubantwana abasesona sahlulo sesihlanu sinye sihluphekileyo njengepesenti yesahlulo sesihlanu esinye

esingahluphekanga. Kulaa minyaka yokugqibela yocalu-calulo le pesenti yayifudula iyi-20%. Yinjongo karhulumente ukuyinyusa le

pesenti idlule kwi-100% kuwo onke amaphondo. Zininzi izinto ezenza ukuba le pesenti ihle inyuka: ubonelelo olutyekele

ngakwabahluphekileyo nemigaqo-nkqubo karhulumente yolwabelo lwezikolo; imisebenzi karhulumente yolwakhiwo lwezikolo

(ziyayinyusa ipesenti); inani labantwana abahluphekileyo abangekho sikolweni (into leyo ethetha ukuba akukho nkxaso-mali

bayifumanayo); iingxaki zokutsala ootitshala baye kusebenza kwimimandla yasemaphandleni (ezi izinto zziyayithoba ipesenti).

►PM004: Iminyaka yegalelo ngomfundi ngamnye ogqiba i-FETC

Le ke yiminyaka yokuya esikolweni achithela kuyo urhulumente ngenjongo yokuba enze umfundi ngamnye wakwaGrade 12 okanye

welinye ibanga elilingana neli, agqibe ukufunda. Ngenxa yokuba abafundi bayawaphinda amabanga nangenxa yokuba abanye

abafundi bayaphuma esikolweni bengekayi kufika kwaGrade 12, inani leminyaka liyakholisa ukuba ngaphezulu kune-12. Kambe ke,

ngokuligcina inani leminyaka isezantsi kangangoko, urhulumente angakwazi ukuba ukuthi kratya ngokubonelela ngemfundo

esemgangathweni kubantu abathe kratya.

►PM005: Izinga lelona banga liphezulu kufikelelwa kulo ngabantu abadala ekuhlaleni

Elonani liphezulu linokufikelelwa kwesi Singqinisiso Sokwenziwa Komsebenzi li-12. Bekuya kuba nje ukuba ngaba bonke abantu

bebemgqibile uGrade 12. Njengokuba abantu besiya befunda ngokugfunda nje, ixabiso lesi Singqinisiso Sokwenziwa Komsebenzi

lifanele kunyuka. Kufuneka silindele ukunyuka okuthe chu, njengoko kuthatha iminyaka emininzi ukuba sesikolweni nakwi-ABET

kungade kwenze inguqu kumanqanaba emfundo afikelelwayo ngabantu abadala ngokubanzi.

►PM006: Amazinga okufunda kwabantu abadala

Le yipesenti yabantu abadala abakwaziyo kufunda nokubhala, phaya kumanqanaba emfundo yasekuqaleni. UMgaqo-siseko wethu

uyaliqinisekisa ilungelo lemfundo yamanqanaba asekuqaleni labo bantu babefudula bevinjwe amathuba emfundo ngaphambili.

Ngenxa yamalungelo oluntu nangenxa yophuhliso loqoqosho, esi Singqinisiso Sokwenziwa Komsebenzi sibaluleke

kakhulukurhulumente. Injongo yethu kukuba izinga lemfundo yabantu abadala liye kufika kwi-100%.

►PM101: Ipesenti yezikolo eziyisebenzisayo iNkqubo yoLawulo lweZikolo

Le nkqubo kuthiwa yiSchool Administration and Management System (SAMS) yinkqubo esebenza ngekhompuyutha eyaqulunqwa

kwinqanaba lesizwe, khona ukuze izikolo zikwazi ukuzisebenzisa ngempumelelo iinkcukacha malunga nabafundi bazo, abasebenzi

bazo, izibonelelo zazo kunyenezezeemali zazo. Xa linokuya liba likhulu inani lezikolo ezine-SAMS, zingaba ukuba bhetele

neenkonzo esinokuzilindela ezikolweni.

Isicwangciso Esiliqili Sokwenziwa Komsebenzi Sonyaka 2007/08-2009/10

82

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!